15/06/2026
Phambili ngophuhliso loluntu
Namhlanje UMasipala wesithili i-O. R. Tambo ubambe intlanganiso nabahlali baseNgweni kwawadi 19 apho kuhlanganisene iiwadi ezine ezizezi, wadi:19,20,21 no-28.
Injongo yalentlanganiso kukulumana iindlebe malunga nomgama osowuhanjiwe ngumasipala wengingqi ekufakeni amanzi kweziwadi.
Malunga nemeko ekwakuhlukanwe kuyiyo kwindibano edlulileyo noko izinto azimntakaNgqika, liyekhula liyenyelela kulomgomo wokufakela amanzi kwezi wadi.