Ndema Secondary School

Ndema Secondary School Ndema Secondary School first opened its doors in January 1950. The school is in Tsomo, Luxomo locati

Izolo besivuyisana nabantwana bethu abebengompondo-zihlanjiwe kwisigaba sokuqala sonyaka (term 1). Siye sabawonga ngeeza...
29/05/2026

Izolo besivuyisana nabantwana bethu abebengompondo-zihlanjiwe kwisigaba sokuqala sonyaka (term 1). Siye sabawonga ngeezatifiketi kunye nee tags 🥇

Namhlanje sikwiNgqungquthela yeeNqununu zePhondo eGqeberha. Sizokurhabula ulwazi ukuze sibuye sabelane nooTishala nabant...
21/05/2026

Namhlanje sikwiNgqungquthela yeeNqununu zePhondo eGqeberha. Sizokurhabula ulwazi ukuze sibuye sabelane nooTishala nabantwana, egameni lokuphucula abantwana bethu.

Izolo sifumene iwonga kwi Department ngokuba kwikota yokuqala sifumene i target ye Department engu 90% ukwenyuka. Sibule...
15/05/2026

Izolo sifumene iwonga kwi Department ngokuba kwikota yokuqala sifumene i target ye Department engu 90% ukwenyuka. Sibulele kakhulu kooTishala, abantwana, SGB, abazali, kwakunye nabahlali ngentsebenziswano. Sizakubhinqa omfutshane sizame ukuphakamisa izinga lesikolo sethu ngakumbi 🤏🏾.
Mr V. Bukula
Principal.

20/04/2026

Ngomso, umhla we 21 ka April sizakufikelwa ngu Home Affairs eskolweni. Wonke umntwana onqwenela ukwenza i smart ID makeze nomzali. Aze umzali aphathe ID yakhe. Umntwana oqalayo ukwenza i ID, izakubasimahla. Nabantu abadala bangazokwenza. Kodwa kuzakuqalwa ngabantwana beskolo. Umntu omdala ophindayo, uzakubhatala i R160 kwa Home Affairs. Umntwana onomzali okude, angamelwa ngomnye umntu omdala. Uzakwenza i affidavit apha eskolweni.
Enkosi.

Mr V. Bukula
Principal.

Simbekile u Mr Hempe kwikhaya lakhe lolugqibela. Siyabulela kakhulu ngentsebenziswano kubahlali, SGB, ooTishala kwakunye...
16/03/2026

Simbekile u Mr Hempe kwikhaya lakhe lolugqibela. Siyabulela kakhulu ngentsebenziswano kubahlali, SGB, ooTishala kwakunye nabafundi. Umsebenzi ka Mvelase uqhubeke kakuhle.
Nenzenjalo nakwamanye amakhaya. Ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

Enkosi.

Principal,
Mr V. Bukula

Siyiqhube kakuhle inkonzo yesikhumbuzo ka Tishala u Hempe, izolo e Tsomo Town Hall. Siyabulela ngenkxaso nentsebenziswan...
12/03/2026

Siyiqhube kakuhle inkonzo yesikhumbuzo ka Tishala u Hempe, izolo e Tsomo Town Hall. Siyabulela ngenkxaso nentsebenziswano kubazali, ooTishala, SGB, abahlali kwakunye nabantwana.

NgoLwesihlanu besinomsitho wokunikezelwa kwamatayi ka Grade 12. Sibanqwenelela okuhle kodwa abantwana bethu 🤏🏾.
09/03/2026

NgoLwesihlanu besinomsitho wokunikezelwa kwamatayi ka Grade 12. Sibanqwenelela okuhle kodwa abantwana bethu 🤏🏾.

Kulusizi ukunazisa ngokuswelekelwa yiTishala yethu yesiXhosa, u Mr Siphamandla Hempe. Iinkqubo zenkonzo yakhe zizakube z...
07/03/2026

Kulusizi ukunazisa ngokuswelekelwa yiTishala yethu yesiXhosa, u Mr Siphamandla Hempe. Iinkqubo zenkonzo yakhe zizakube zime oluhlobo:

Memorial service: Wednesday, 11 March ngo 10, e Tsomo Town Hall.
Funeral service: Saturday, 14 March e Bizana.

Abantu abanqwenela ukuya kwezinkonzo bayacelwa ukuba badibane nesikolo okanye batsalele u Principal umnxeba ku 078 373 5705.

Sithi ngxe kusapho lwakwaHempe, kwizihlobo nezalamane.

Lala ngoxolo, Mvelase. Usizimele mfondini 🕊️.

Principal,
V. Bukula.

Happy Valentines….from all of us at Ndema Secondary to all of you 🫶🏾❤️.Niqhekezelane ii chocolates 🍫
14/02/2026

Happy Valentines….from all of us at Ndema Secondary to all of you 🫶🏾❤️.
Niqhekezelane ii chocolates 🍫

Izolo besindwendwelwe ngabantu bokuhlala bakwaMfula neelali ezisingqongileyo, kwakunye namapolisa. Injongo yolutyelelo i...
28/01/2026

Izolo besindwendwelwe ngabantu bokuhlala bakwaMfula neelali ezisingqongileyo, kwakunye namapolisa. Injongo yolutyelelo ibikukuvuyisana nesikolo, abafundi nootishala ngokwendlela u grade 12 ka 2025 aqhube ngayo kwiimviwo. Kuye kwakhuthazwa nabantwana bonke ukuze bazeke mzekweni.

Kananjalo bekuxhotyiswa abantwana ngengozi yokusebenzisa iziyobisi notywala.

Address

Tsomo
5400

Opening Hours

Monday 08:00 - 15:00
Tuesday 08:00 - 15:00
Wednesday 08:00 - 15:00
Thursday 08:00 - 15:00
Friday 08:00 - 15:00

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ndema Secondary School posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Organization

Send a message to Ndema Secondary School:

Share

Category