Soze ndilibale ngobom bam nokuba ndingaxola

Soze ndilibale ngobom bam nokuba ndingaxola INCWADI NGOBOM BAM

20/07/2020

This book is all About how to find love or how can u keep your relationship work!

05/02/2020

Ubom endabuphilayo ngexesha lobuntwana bam nangexesha lobuncinane bam ndandivika nalapho kungamelanga ndivike khona ndandiphila ubom bentshontsho kukhetsha,

Ndaqina ndazomeleza sekunzima abazali bam bebila besoma belala obungehliyo ubuthongo bevuka nasezinzulwini zobusuku, ndavuka ebusuku ndibona okungabonwayo ngamehlo ngabanye abantu nokuba ndingaxola kodwa asoze ndilibale ngobom bam,

Ndandilila ndizosula iinyembezi emehlweni am, lavakala ixhego lam elindizalayo lisithi mfo wam ukuba uthixo uyandohlwaya makandincede angandohlwayi ngawe makohlwaye mna ndingumzali wakho ak*mnandanga ukubona ugula,

Ukuba uyakuthatha uthixo mntwanam makakuthathe sonke apha endlini sikubonile ugulile,

Umama wam ondizalayo wabambe iinyembezi ntenkophe ezama ukuqinisa isibindi kodwa ngoba inimba iyasika, nokuba ndingaxola kodwa asoze ndilibale ngobom bam,

Kwakubuhlungu kubantakwethu nam kwelam icala ndandihlala ndincumile ngokunga ndiphilile ndibanika elothemba lungekhoyo kuba bonke babesele belahle ithemba

Kaloku kwakusele kubikwa imbila kubikwa ubusi kwakbazincwina lakutshona ilanga kungaziwa nokuba kuzawusa ndisaphefumla na , asoze ndilibale nokuba ndingaxola ngobom bam,

Kaloku ndandisele ndingumlwelwe mna kwasekusele nje amathambo ombathiswe ngefele kwasekubonakala nalapho kuhlangana khona amathambo omzimba nembambo zazibaleka

Yaphakama ingwevu endizalayo yasemampondweni nengwevukazi yasemabheleni bathatha iintonga bayokukhangela umhlola apho ukhoyo koosiyazi bafika koosiyazi bebhula besela, kwabe ke k*m kusombulwa kusombeswa ndandincwina okosana eliphethwe nganahlaba,
Bawaphosa phantsi amathambo osiyazi bawukhomba umhlola mna ke ngeloxesha ndandingasazi nokuba kuyasa nokuba liyatshona na ilanga ndathula ndathi cwaka kuba ndandimamele intlungu nentlupheko nembilini engaphakathi entliziyweni yam
Soze ndilibale ngobom bam nokuba ndingaxola

Soze ndilibale ngobom bam nokuba ndingaxola
25/01/2020

Soze ndilibale ngobom bam nokuba ndingaxola

Address

Johannesburg

Telephone

+27781319126

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Soze ndilibale ngobom bam nokuba ndingaxola posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category