03/06/2026
ISEBE LEZEMFUNDO LICELA ZINQUMAME KANCINCI IZIKOLO
BHISHO- Imbi into ezayo, kwaye yenza ixhala. INkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika, ikhuphe isilumkiso ngonogumbe, kunye nomoya ozakube uphephezela ngesantya esingama-100 ukuya ku 150mm.
Lo moya uzakuchonga ngamandla iindawo ezigudle unxweme, n**i ke ezikhankanyiweyo; Buffalo City, Great Kei, Kouga, Kou-Kamma, Makana, Ndlambe, Nelson Mandela Bay, Ngqushwa kunye naseSunday River Valley.
Kucelwa iinqununu zezikolo, abaphathi beeSekethe, bangayenzi impazamo yokunyanzelisa abantwana ukuba baye ezikolweni nanjengoko isoyikwa into ezayo.
Namhlanje kulindeleke ukuba kuphazamiseke iziseko ezingundoqo, iindlela, umbani, izakhiwo nokufa kwemfuyo njalo-njalo, ingakumbi kwindawo ezingqonge iphondo leMpuma Koloni.
Mzukisi Mangwane
03 EyeSilimela 2026