Thafeni Xhosa stories

Thafeni Xhosa stories Thafeni xhosa stories

08/08/2023

Sivalelekile kwincwadi yombhali

Sonke kulomhlaba sivalelekile kulencwadi.Wonke umntu ungumlinganiswa kulencwadi yalombhali.Ukuze incwadi yenze umdla kufuneka kubekho abantu abenza okubi nabantu abenza okuhle.Mnye umntu oyaziyo ukuba incwadi leyo abalinganiswa bavaleleke kuyo izakuphela njani.Lomntu ke ngumbhali wencwadi.Umbhali uthi ezakuqala ibhala ibali abe eyazi ezakuqala yenzeke kwaye esazi nesiphelo.Abalinganiswa bangenza konke abanokwenza kodwa sobe basijike isiphelo sebali.Umbhali losithetha ngaye uyinikezile umvume yokuba umlinganiswa ngamnye azikhethele ngokwakhe ukuba ufuna ukuba yintlobo yoni yomntu kwelibali.Ukuze ibali libemnandi kufuneka ekupheleni kwalo kusolo kuphumelela abo benza okulungileyo baze abo bebesenza okubi bave ubuhlungu.Umzekelo ukuba ibali belingezilwanyana apho ingonyama ihlukumeza ezinye izilwanyana soze umbhali abenesiphelo esithi,"ingonyama yazitya zonke izilwanyana yasheka yodwa phelaphela ngantsomi."Kodwa uyakuba nesiphelo esinje,"Ingonyama yatshona emanzini zange iphinde ifumaneka naphakade ukuqala ngoko izilwanyana zaphila ubomi obumnandi."Naye bhali walomhlaba unesiphelo esihle.Kodwa iyakuxhomekeka kuwe ukuba isiphelo sakho ufuba sibenjani na?Ukuba wenza okubi okwengonyama isiphelo sakho ebalini lombhali sizakuba sibi kodwa ukuba izenzo zakho zifana nezilwanyana ezenza okulungileyo lonto ithetha nesiphelo sobasihle.Usenalo ithuba lokuzikhethela ukuba ufuna ukuba ngumlinganiswa onjani.Incwadi iba nomlinganiswa ophambili.Umlinganiswa ophambili ngokukwazi kwethu sonke ngumntu ibali elingaye.Umlinganiswa ophambili kelencwadi yalombhali nguwe,sithi sonke.Wonke umntu unebali bali lakhe kulencwadi inye kwaye wonke umntu kwibali lakhe nguye umlinganiswa ophambili.Nangona umntu enebali lakhe lonto ayithethi ukuba iziphelo zizokwehluka,azizokwehluka kuba onke lamabali akwincwadi enye.Into endenza ndithi sivaleleke kulencwadi kukuba isiqalo nesiphelo asikwazi ukusijika kwaye nokusenzela.Umzekelo xandisithi awukwazi ukusijika nokusenza isiqalo lonto ithetha ukuba awunawo amandla okuqala ibali ungenguye umbhali,awusoze usuke uqale uzikhombe ukuba ufuna ukuzalelwa kusapho olonjani.Usuke uzibone sele uphuma esuswini kusapho ungakhange ulicele.Ukuba awunalo ulawulo ekuqaleni kobomi bakho lonto ixela ukuba awunalo ulawulo nasekupheleni kobomi bakho.Umbhali okufake kulencwadi nguye osaziyo isaqalo nesiphelo sobomi bakho.Mhla wakufaka kulencwadi wayeyazi ukuba izakuba yintoni indima yakho ebalini.Sivalelekile kwelibali kwaye yena mbhali uyalazi lizakuqala njani kwaye liphele njani.Into ikuwe mlinganiswa wencwadi.Incwadi yabhalwa yagqitywa into ime kuwe ukuba ufuna isiphelo sakho sibenjani,sixhomekeke kuwe. Zonke izenzo zakho ezintle nezimbi ziyabhalwa ebalini lakho ,konke okucinga okubi nokuhle,konke ogqithe kuko,imithandazo yakho nako konke okwenzileyo.Umbhali wencwadi uyakwazi ukulawula yonke into esencwadi.Unolawulo kwabalinganiswa nezinto azifake kuloncwadi.Kodwa intlahla yeyokuba umbhali wabanika imvume abalinganiswa yokuba bazilawule kwaye balawule oko akufake encwadini.Nangona esinikile ulawulo kodwa olakhe ulawulo lungaphezulu kolwethu.Umzekelo sinalo ulawulo lokusebenzisa okukhoyo emhlabeni kodwa yena yena ulawulo lakhe lungaphezu kwethu yena kaloku ungumbhali yena angakwazi ukuvula amazazulu angakwazi ukutshintsha ingqondo zomntu yena angakwazi ukuvula ulwandle kuba yena ungumbhali kwaye yonke into ayibhalayo iyenzeka ngexesha afuna ngayo kwaye akekho nomnye umlinganiswa onokucima akubhakileyo nguye kuphela.Yonke into inesiqalo kwaye inaso isiphelo thina kulencwadi sifile nje esiphakathi asisisazi isiqalo kwakunye nesiphelo.Njebezama ukukubulala bezama ukwenza okubi kuwe into abangayazi kukuba incwadi yagqitywa ukubhalwa kudala.Into eyenzeka namhla yenzeka kudala.Nje usaphila mhlawumbi umbhali usenalo ithemba lokuba ungaguquka.Eyona nto ibuhlungu kukuba awusazi isiqalo nesiphelo sebali lakho.Kusenokwenzela isiphelo sebali lakho sinamhlanje okanye ngomso kodwa usenalo ithuba.Lombhali mnye nguThixo yena akaziwa zange wabonwa akaziwa negama lakhe.Eligama lithi Thixo liveza nje ubukhulu bakhe.Igama lakhe alaziwa ngunguye qha.Uyakufika abantu bembiza ngo"Ndinguye"

23/07/2022

πŸ‘‰ πŸ‘ˆ support please πŸ₯ΊπŸ–€πŸ’›πŸ’š

Address

VE 379
Cape Town

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Thafeni Xhosa stories posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category